21 Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo.
22 Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.
23 Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo.
24 Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.