3 Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
4 Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
5 Bona bangabehlabathi, nemfundiso yabo ikwayeyasehlabathini. Yiyo ke loo nto libevayo ihlabathi.
6 Kodwa thina singabantwana bakaThixo. Ke umntu owazanayo noThixo uyasiva. Kodwa lowo ungengokaThixo akasiva. Siwuqonda ngaloo nto ke umahluko phakathi kwefuthe lenyaniso nefuthe lobuxoki.
7 Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
8 Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.
9 Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.