3 Ewe, andinilibali phambi koThixo onguBawo wethu. Ndikhumbula ukusebenza kwenu niqhutywa lukholo, ukubulaleka kwenu niqhutywa luthando, nomonde wenu ngenxa yethemba lenu eNkosini uYesu Krestu.
4 Ndiqinisekile, mawethu athandiweyo nguThixo, ukuba uninyulele ukuze nibe ngabakhe.
5 Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona yayingengomlomo nje qha, koko ndazizisa ngamandla kaMoya oyiNgcwele, ndiqhutywa kukoyiseka bubunyaniso bazo. Niyayazi indlela endandiziphethe ngayo ngokuya ndandilapho phakathi kwenu. Yonke loo nto yayikukulungiselela nina.
6 Nani ngokwenu nalandela ekhondweni lethu neleNkosi. Nangona naniphatheke kabuhlungu, udaba nalwamkela ngovuyo oluvela kuMoya oyiNgcwele.
7 Naza ngokwenjenjalo naba ngumzekelo kuwo onke amakholwa eMakedoni naseAkaya.
8 Kuba kaloku udaba lweNkosi lwahlokoma luphuma kuni, alwaya eMakedoni naseAkaya kuphela, koko iindaba zokukholwa kwenu kuThixo zihlwayeleke kuyo yonke indawo, kangangokuba akusekho mfuneko yakuba sichaze nto thina.
9 Seyingundaba-mlonyeni kubo bonke abantu indlela enasamkela ngayo kutyelelo lwethu. Kanti nokulahla kwenu izithixo niguqukela kuThixo, ukuze nibe zizicaka zoThixo wenene ophilayo, kukwanjalo.