3 UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya.
4 Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko,
5 iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
6 Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo.
7 Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu.
8 Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.
9 Akukho mfuneko yakuba ndinichazele ngoxanduva lokuthanda amanye amakholwa, kuba kaloku nina ngokwenu uThixo uyanifundisa ukuba nithandane.