Ekayakobi 2 XHO96

Isilumkiso ngocalu-calulo

1 Mawethu, njengoko nikholwa kuYesu Krestu iNkosi yethu enobungangamsha – ninomkhethe kodwa nina.

2 Nakufikelwa ziindwendwe ezimbini endlwini yenkonzo, omnye enxibe kakuhle ehombe ngamaso egolide, omnye elihlwempu edlakazela,

3 nako ke nina nitatazela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni.

4 Aniziqondi ke ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?

5 Mamelani apha ndinixelele, zihlobo zam. Andibi kanene uThixo amahlwempu la uwanyulele ukuba atyebe ngokholo, aze afumane isabelo kulawulo oluthenjiswa abo bamthandayo?

6 Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala,

7 zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?

8 Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.

9 Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho.

10 Lowo uwugcina wonke umthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke.

11 Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.

12 Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.

13 Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.

Ukholo nemisebenzi

14 Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?

15 Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba.

16 Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo?

17 Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.

18 Ewe, ningatsho ukuthi omnye umntu unako ukuba nokholo, kanti nomnye unako ukwenza imisebenzi ethile. Kodwa ke mna ndithi ukuphendula: Khawundibonise ukuba ngaba lufezekile na olo kholo wena uthetha ngalo lungenamisebenzi lubonakala ngayo. Mna ndokubonisa ngemisebenzi ukholo endinalo.

19 Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

20 Akuqondi ke kodwa, sidengendini, ukuba ukholo olungangqinelwa zizenzo luphunzile?

21 Akuqondi na ukuba uAbraham ubawo wenziwa waba lilungisa nguThixo ngenxa yesenzo sokunikela uIsake unyana wakhe ukuba abe lidini?

22 Akuboni ukuba ngokwenjenjalo oku wayeqhutywa lukholo? Akuqondi ukuba ngesi senzo wangqina ukunyaniseka kokholo awayenalo?

23 Esi senzo sazalisekisa amazwi *eziBhalo athi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yokholo wenziwa ilungisa.” Kwenye indawo ubizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo.

24 Ùyaqonda ke ukuba umntu uba lilungisa ngenxa yezenzo kungekuko ngokholo lodwa?

25 Nehenyukazi uRahabhi, andithi kanene naye waba lilungisa ngenxa yesenzo sakhe sokwamkela iintlola, wazizimelisa zasaba ngandlela yimbi?

26 Njengoko ufile umzimba xa umphefumlo uphumile, ngokunjalo nokholo olungangqinelwa zizenzo lufana nesidumbu, lufile.

kwizahluko

1 2 3 4 5