Ekayakobi 5 XHO96

Isilumkiso kwizityebi

1 Ngoku makhe ndibhekise kwabo bemi kakuhle, izityebi. Hlahlambani ningqukruleke ngenxa yeenzingo ezinizelayo!

2 Kaloku ubutyebi benu buyangunda, neempahla zenu zityiwa ngamanundu.

3 Igolide nesiliva yenu idliwa ngumhlwa. Ngulo mhlwa ke kanye obubungqina obunilahlayo, kuba uya kuyisuba njengomlilo inyama yenu. Kaloku nina nizifumbela ubutyebi ngoku sikwimihla yokugqibela.

4 Abasebenzi abalima amasimi enu anibahlawuli. Khanisive isikhalo sabo! Ewe, isililo sabavuni seside savakala nakuThixo, iNkosi uSomandla.

5 Kaloku obenu ubomi apha emhlabeni bubunewu-newu nobumnandi. Ewe, nizondle natyeba, kanti nizilungiselela umhla womgwebo.

6 Nimgwebile nambulala umntu ongenatyala. Kanti noko akaxhathisi.

Umonde nomthandazo

7 Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla.

8 Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.

9 Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango.

10 Nanku ke umzekelo, mawethu: ndixela *abashumayeli bamandulo, abo babethetha egameni leNkosi. Bona mababe ngumzekelo wenu wokunyamezela ngomonde naxa kunzima.

11 Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.

12 Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.

13 Ukuba kukho umntu osenkathazweni, makathandaze. Ukanti xa umntu evuya, makahlabele ingoma adumise.

14 Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi.

15 Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.

16 Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

17 Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha.

18 Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.

19 Mawethu, ukuba omnye wenu ulahlekile waphuma enyanisweni, waza omnye umntu wambuyisa,

20 qinisekani ngale ndawo: Nabani na oguqula umoni olahlekayo usindise umphefumlo ekufeni, watsho kwaxolelwa izono ezininzi.

kwizahluko

1 2 3 4 5