Ekayakobi 3 XHO96

Ulwimi

1 Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye.

2 Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.

3 Kaloku ihashe silifaka umkhala, ukuze lisilulamele, sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo.

4 Okanye khanicinge ngenqanawa, inkulu injalo, noba ngade ityhalwe yimimoya emikhulu, kodwa ilawulwa ngentongana nje encinci, ize iye apho athanda ukuba iye khona umqhubi.

5 Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu.Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo.

6 Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni.

7 Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo.

8 Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu.

9 Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo.

10 Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!

11 Kaloku akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi namtyuba mthonjeni mnye.

12 Mawethu, umkhiwane awukwazi kaloku ukuvelisa umnquma, nomdiliya awunako ukuvelisa amakhiwane. Ngokunjalo akukho mthombo unako ukuvelisa amanzi amtyuba namnandi.

Ubulumko obuvela phezulu

13 Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

14 Kodwa ke ukuba ninomona nolunya nizicingela, sanukuzigwagwisa nigqume inyaniso ngobuxoki.

15 Obu bulumko abuveli phezulu, koko bobehlabathi, bobeenkanuko, bobukaSathana.

16 Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.

17 Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.

18 Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

kwizahluko

1 2 3 4 5