Ekayakobi 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Yakobi, isicaka sikaThixo neNkosi uYesu Krestu. Ndibulisa bonke abantu bakaThixo abathe saa kulo lonke elimiweyo.

Ukholo nobulumko

2 Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo.

3 Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

4 Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto.

5 Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

6 Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

7 Umntu onjalo ke makangalindeli kwenzelwa nto yiNkosi.

8 Kaloku umntu ongqondo ilala neli, ivuke neli, akaze abe nazigqibo nganto.

Ubuhlwempu nobutyebi

9 Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo.

10 Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.

11 Yona ithi lakuvela ilanga liyigqatse, ibune, kuphele nokubukeka kwayo. Nesinhanha siya kutshabalala naso ngoku kanye sisaxakeke yimicimbi yaso.

Ukuvavanywa nokulingwa

12 Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

13 Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

14 Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa.

15 Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.

16 Musan' ukuphazama, mawethu!

17 Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.

18 Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

Ukuva nokwenza

19 Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

20 Kaloku into umntu ayenza enomsindo ayinakwamkeleka kuThixo.

21 Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

22 Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

23 Lowo uliphulaphula nje kuphela elo lizwi, angenzi nto ngalo, ufana nomntu ozijonga esipilini, abubone ubuso bakhe.

24 Loo mntu uzithi krwaqu nje, ahambe, aze kwangoko azilibale ukuba unjani na.

25 Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.

26 Ewe, umntu angázicingela ukuba ulikholwa; kodwa uyazikhohlisa ukuba akakwazi ukulawula ulwimi lwakhe. Ingamampunge nje into yokuba ulikholwa.

27 Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

kwizahluko

1 2 3 4 5