Ekayakobi 4 XHO96

Ingozi yokuhlobana nehlabathi

1 Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu.

2 Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.

3 Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.

4 Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

5 Mhlawumbi ngaba nicinga ukuba iziBhalo ziyalavuza xa zisithi: “UMoya esimnikiweyo uyakhweleta”?

6 Kodwa ke sona isisa asinika sona uThixo singaphezulu. Zitsho neziBhalo ukuthi: “UThixo uyabachasa abanekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.”

7 Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.

8 Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!

9 Yibani lusizi nilile nintywizise! Ukuhleka makujike kube ziinyembezi, uvuyo lube lusizi!

10 Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.

Isilumkiso ngokugxekana

11 Mawethu, musani ukugxekana. Nabani na oligxekayo okanye aligwebe elinye ikholwa, ugxeka ugweba umthetho. Ukuba ke uyawugxeka umthetho, akuwuthobeli, koko ungumgwebi wawo.

12 NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?

Isilumkiso ngokuqhayisa

13 Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.”

14 Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.

15 Xa nithetha yithini: “INkosi ivuma, siya kwenza le naleya.”

16 Kodwa ke endaweni yokwenjenjalo nisuka nibe nekratshi, niqhayise; ibe ke ukuqhayisa yinto egwenxa.

17 Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.

kwizahluko

1 2 3 4 5