11 Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.
12 Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.
13 Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
14 Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?
15 Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba.
16 Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo?
17 Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.