3 nako ke nina nitatazela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni.
4 Aniziqondi ke ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?
5 Mamelani apha ndinixelele, zihlobo zam. Andibi kanene uThixo amahlwempu la uwanyulele ukuba atyebe ngokholo, aze afumane isabelo kulawulo oluthenjiswa abo bamthandayo?
6 Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala,
7 zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?
8 Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.
9 Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho.