6 Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala,
7 zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?
8 Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.
9 Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho.
10 Lowo uwugcina wonke umthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke.
11 Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.
12 Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.