15 Obu bulumko abuveli phezulu, koko bobehlabathi, bobeenkanuko, bobukaSathana.
16 Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
17 Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.
18 Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.