3 Igolide nesiliva yenu idliwa ngumhlwa. Ngulo mhlwa ke kanye obubungqina obunilahlayo, kuba uya kuyisuba njengomlilo inyama yenu. Kaloku nina nizifumbela ubutyebi ngoku sikwimihla yokugqibela.
4 Abasebenzi abalima amasimi enu anibahlawuli. Khanisive isikhalo sabo! Ewe, isililo sabavuni seside savakala nakuThixo, iNkosi uSomandla.
5 Kaloku obenu ubomi apha emhlabeni bubunewu-newu nobumnandi. Ewe, nizondle natyeba, kanti nizilungiselela umhla womgwebo.
6 Nimgwebile nambulala umntu ongenatyala. Kanti noko akaxhathisi.
7 Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla.
8 Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.
9 Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango.