Kumagalati 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos ndabizwayo ndaba *ngumthunywa, ndingabizwanga mntu, okanye ndimiselwe mntu; koko ndibizwe nguYesu Krestu noThixo uYise, owamvusayo uYesu ekufeni.

2 Mna namawethu onke akunye nam siyanibulisa, mabandla aseGalati, sithi:

3 Wanga uThixo wethu neNkosi yethu uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.

4 UKrestu wancama ubomi bakhe ngenxa yezono zethu, ukuze asihlangule egunyeni leli hlabathi longendawo, ethobela ukuthanda kukaYise uThixo wethu.

5 Makadunyiswe uThixo ngonaphakade! *Amen.

Iindaba ezimnandi ezizodwa

6 Ndinithele nqa ukuba nithi ngexeshana nje elingephi nibe senindlandlatheka emva kwezinye iindaba ezingathi zimnandi, nimfulathele lowo wanibizayo ngesisa sikaKrestu.

7 Eneneni akukho ndaba zimbi zimnandi zizezinye, koko nditsho nje kuba kukho abantu abaniphazamisayo, bezama ukuzigqwetha iindaba ezimnandi ezingoKrestu.

8 Kodwa ukuba kukho umntu, nokuba ndim, nokuba sisithunywa sezulu, oshumayela iindaba ezinxamnye nezo ndanishumayeza zona: uqalekisiwe lowo.

9 Besenditshilo, nangoku ndiyaphinda, ndithi: Ukuba kukho bani onishumayeza iindaba ezingathi zimnandi eziphikisana nezo senizamkele, loo mntu makaqalekiswe!

10 Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.

Ukubizwa kukaPawulos

11 Mandiyithethe ngokuphandle, mawethu, into yokuba ezi ndaba ndizishumayelayo aziyonto nje equlunqwe ngumntu.

12 Nam andizinikwanga mntu, futhi ndingazifundiswanga mntu; ndazityhilelwa nguYesu Krestu.

13 Ndiyacinga ukuba senivile ngobomi bam ngokuya ndandingekaguquki ekulandeleni izithethe zonqulo lwamaJuda. Okuya ndandilitshutshisa ngokungenanceba ibandla likaThixo, ndifunzele ukulitshabalalisa.

14 Kwezonqulo ndandigalawele kuneentanga zam ezininzi. Ndandibalasele ngenzondelelo kwizithethe zamanyange.

15 Kodwa uThixo wandinyula ndingekazalwa, wandibiza ngenxa yesisa sakhe ukuba ndimsebenzele. Kuthe ke kwakukholeka kuThixo

16 ukumbonakalisa uNyana wakhe kum, ukuze ndishumayele iindaba zakhe ezintlangeni, andabi sabuza nto mntwini,

17 andabi saya nokuya naseJerusalem *kubathunywa abadala kunam emsebenzini, koko ndasuka ndaya ngqo kwelama-Arabhu. Emva koko ke ndabuyela eDamasko.

18 EJerusalem ndaya emva kweminyaka emithathu, ndinomnqweno wokwazana noPetros; ndahlala naye ke iiveki zambini.

19 Akukho mthunywa wumbi ndambonayo ngaphandle kukaYakobi umntakwabeNkosi.

20 Ndithetha inyaniso; andixoki; uThixo uyazi!

21 Emva kwexesha ndaya kwimimandla yaseSiriya naseKiliki.

22 Ngelo xesha ke amabandla kaKrestu akwaJuda ayengekandiboni.

23 Babeseva nje ngembali, kusithiwa: “Laa mfo wayekade esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba zokholo, ezi kanye wayezitshabalalisa.”

24 Kambe ke babemdumisa uThixo ngenxa yam.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6