Kumagalati 4 XHO96

1 Lo mcimbi makhe ndiwubeke ngolu hlobo: Unyana oyindlamafa uphathwa njengesicaka lo gama aselula, nakuba zonke izinto zizezakhe.

2 Uyagcinwa alungiselelwe yonke imicimbi yakhe kude kufike ixesha elimiswe nguyise.

3 Nathi ke ngokuya besingekakhuli besiphantsi kwezithethe zabantu.

4 Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha, uThixo wamthumela uNyana wakhe. Weza ngokuzalwa ngumntu obhinqileyo, wazalelwa phantsi *komthetho kaMosis,

5 ukuze ahlangule abo baphantsi komthetho, size thina sibe ngoonyana bakaThixo.

6 Ukubonakalisa ukuba ningoonyana bakhe, uThixo unambese ngoMoya woNyana wakhe. Lowo ke ngulo Moya nidanduluka ngaye nithi: “Tata.”

7 Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.

Ixhala likaPawulos ngamaGalati

8 Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo.

9 Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?

10 Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!

11 Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.

12 Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.

13 Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula.

14 Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.

15 Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.

16 Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?

17 Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo.

18 Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu.

19 Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni.

20 Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela.

Umzekeliso ngoHagare noSara

21 Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho?

22 Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya.

23 Lo nyana wesicakazana yena wazalwa ngendlela azalwa ngayo wonke umntu, kodwa yena unyana womfazi wekhaya wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo.

24 Ngumfanekiso nje lo: aba bafazi babini bafuzisela iminqophiso emibini; omnye (uHagare ukutsho) uvela entabeni yeSinayi, obantwana bazalelwa ebukhobokeni.

25 UHagare ufuzisela intaba yeSinayi kwelama-Arabhu, ekwafanekisa le dolophu yaseJerusalem ikhoyo ngoku, esebukhobokeni nabemi bayo bonke.

26 Eyasezulwini yona iJerusalem ezayo ikhululekile, yaye ingumama wethu.

27 Kuba *iziBhalo zithi:“Vuya, wena ludlolwazana!Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba!Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.”

28 Nina ke ngoku, mawethu, ningabantwana bakaThixo ngenxa yesithembiso, kanye njengokuba noIsake wayengumntwana wesithembiso.

29 Ngelo xesha unyana owazalwa ngendlela eqhelekileyo wamtshutshisa unyana owazalwa ngamandla oMoya kaThixo;kusenjalo ke nangoku.

30 Kodwa ke zithini iziBhalo? Zithi: “Sikhuphele ngaphandle isicakazana esilikhoboka kunye nonyana waso; kaloku unyana wesicakazana makangalidli ilifa nonyana womfazi wekhaya.”

31 Ke thina, mawethu, asingobantwana besicakazana esilikhoboka, singabomfazi wekhaya, oko kukuthi singabakhululekileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6