Kumagalati 2 XHO96

UPawulos nabanye abathunywa

1 Emva kweminyaka elishumi elinesine ndabuyela eJerusalem noBharnabha, ndikhatshwa nguTito.

2 Ndaya kuba ndityhilelwe nguThixo ukuba mandiye. Saba nentlanganiso yabucala kunye neenkokheli, ndaza ndazichazela iindaba endizishumayela ezintlangeni. Ndandingafuni ukuba umsebenzi esendiwenzile nalowo ndandisawenza ube lilize.

3 Nakuba wayengumGrike, uTito owayenam zange anyanzelwe ukuba aluke,

4 nangona amadoda athile azenza amakholwa angenelela, aza afuna ukuba makalùswe. Aba bantu bangena ngokunyebelezela, befuna ukuhlola le nkululeko sinayo kubudlelane bethu noKrestu, befuna ukusenza amakhoboka.

5 Kambe asizange sibaqhelisele nakancinane, khon' ukuze sinigcinele inyaniso yeendaba ezimnandi ingenabala.

6 Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum.

7 Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda.

8 Kaloku amandla kaThixo andenza *ndangumthunywa ezintlangeni, kanye ngale ndlela uPetros wenziwa ngayo wangumthunywa kumaJuda.

9 UYakobi noPetros noYohane ababesaziwa njengezona ntsika, bayivuma into yokuba uThixo undibizele kulo msebenzi, ngoko ke basibamba isandla sinoBharnabha. Savumelana ke ukuba sisebenzisane; thina sisebenze phakathi kweentlanga, bona ke phakathi kwamaJuda.

10 Into abayiyalezayo kukuba sibakhumbule abo bahlelelekileyo phakathi kwabo, nto leyo ke endandisenza yona kakade.

UPawulos ukhalimela uPetros eAntiyokwe

11 Xa wayeseAntiyokwe uPetros ndamgqogqa iindlebe, ndimxelela ngempazamo yakhe eyayidandalazile mpela.

12 Wayedla ngokutya kunye namakholwa aziintlanga, ngaphambi kokuba kufike apho iqela lamadoda awayevela kuYakobi. Kodwa kuthe kwakuba kufike la madoda warhoxa uPetros, wazilumla ekutyeni namawethu aziintlanga, ngenxa yokoyika ukugxekwa ngâbo babesithi makwalukwe.

13 Namanye amakholwa amaJuda abonakalisa kwaobo bubhetyebhetye bufana nobukaPetros, kangangokuba noBharnabha wawexuleka bobo bubhetyebhetye.

14 Ndithe ke ndakukuphawula ukungabi nanyaniso kokuziphatha kwabo ngendlela engangqinelaniyo nenyaniso yeendaba ezimnandi, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke: “Nakuba wena ungumJuda, ubusoloko uziphethe njengeentlanga kodwa; ungathini ke ngoku ukujika uzinyanzele iintlanga ukuba ziziphathe njengamaJuda?”

Lukholo olusindisa amaJuda kwakunye neentlanga

15 Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina.

16 Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa *ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.

17 Ukuba ke thina sizamela ukwenziwa amalungisa nguThixo ngokumanywa noKrestu, sisafumaneka sisenza isono, ngaba loo nto ithetha ukuthi uKrestu uhambisana nesono? Nakanye!

18 Ukuba ndiyaphinda ndiyivuse imikhwa endahlukanáyo nayo ndiyazicacisa ukuba ndim isaphulamthetho.

19 Kaloku ndafa kuwo umthetho – ndibulawa kwangawo amabango omthetho – ukuze ndiphilele uThixo. Ndibethelelwe emnqamlezweni kunye noKrestu,

20 ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.

21 Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6