Kumagalati 5 XHO96

Yilondolozeni inkululeko yenu

1 UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2 Phulaphulani! Mna Pawulos ndithi kuni: Ukuba nithi ulwaluko luyimfuneko, loo nto ithetha ukuba uKrestu akaloncedo kuni mpela.

3 Ndiyaphinda ndilumkisa wonke umntu ovuma ukwaluka ukuba uyanyanzeleka ukuba awuthobele wonke umthetho.

4 Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.

5 Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo.

6 Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.

7 Naniqhuba kakuhle kangaka nje! Ngubani ke ngoku oniyekisileyo ukuyithobela inyaniso? Uniqhathe kanjani?

8 Loo nto ayenziwanga nguThixo lo unibizayo.

9 Kaloku bathi: “Igwele elincinci liyinyusa yonke intlama.”

10 Ukumanyana kwethu eNkosini kundenza ndinithembe ukuba aniyi kuhamba naluvo lulolunye. Naye loo mntu uniqunga-qungayo, nokuba ungubani na, uya kohlwaywa nguThixo.

11 Mna ke, mawethu, ngaba ndisatshutshiselwa ntoni ukuba ndisashumayela ukuba ulwaluko luyimfuneko? Ukuba ibiyinyaniso loo nto, ukushumayela kwam umnqamlezo ngekungesiso isikhubekiso.

12 Akwaba abo baniqunga-qungayo bebeya kusele beyihamba yonke loo ndlela, bazisike ngokwabo.

13 Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

14 Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

15 Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele.

UMoya kaThixo nesimo somntu

16 Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

17 Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

18 Kodwa ke ukuba nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho.

19 Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu;

20 unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano;

21 umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

22 Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko;

23 ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

24 Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso.

25 Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

26 Masingazigwagwisi, sicaphukisana, simonelana.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6