Kumagalati 6 XHO96

Thwalisanani ubunzima

1 Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.

2 Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

3 Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo.

4 Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu.

5 Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.

6 Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.

7 Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

8 Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.

9 Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

10 Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

Isilumkiso sokugqibela nombuliso

11 Niyawabona la magama makhulu? Kubhala mna ngoku, ngesandla sam.

12 Ngabo baqhayisa ngezinto zembonakalo yangaphandle, abo baninyanzela ngokwaluka. Into abayifunayo kuphela kukuzama ukuphepha ukutshutshiswa ngenxa yomnqamlezo kaYesu Krestu.

13 Kuba nkqu nabo balukayo abawuthobeli ncam umthetho; bafuna nje ukuba naluke ukuze baqhayise ngento yokuba nilenzile isiko – eliyinto nje yangaphandle!

14 Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.

15 Nokuba umntu walukile, nokuba akalukanga, akunamsebenzi. Into ebalulekileyo kukuba yindalo entsha.

16 Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.

17 Ndiphetha ngelithi: Mandingaphindi ndikhathazwe mntu, kuba iziva ezisemzimbeni wam zixela ukuba ndisisicaka sikaKrestu.

18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke, mawethu. *Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6