Kwabase-Efese 1 XHO96

Isingeniso

1 Mna Pawulos, *umthunywa kaKrestu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ndibhalela abantu bakaThixo [abahlala e-Efese,]abakholwayo kuYesu Krestu.

2 Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.

Iintsikelelo zabamanywe noKrestu

3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.

4 UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando.

5 UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu.

6 Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda!

7 Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa

8 asenzele sona uThixo ngokusazelelela.

9 Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu.

10 Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni.

11 Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo.

12 Kuba kaloku yintando yakhe ukuba kuthi ngenxa yethu, thina sathembela kuKrestu kuqala, kuvakaliswe indumiso yesidima sakhe.

13 Nani ke, nimanywe noKrestu nje, nizivile iindaba ezimnandi, ezichaza ngenyaniso yosindiso, nazamkela. Ke ngoko uThixo waniphawula ngoMoya oyiNgcwele owathenjiswayo.

14 Lo Moya ke usisiqinisekiso selifa lethu esiya kulifumana lakufika ixesha lenkululeko yemilowo yakhe, ukuze kubongwe kudunyiswe isidima nesithozela sikaThixo!

Umthandazo kaPawulos

15 Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo,

16 andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni.

17 Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

18 Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe,

19 nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa

20 wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini.

21 Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo.

22 Izinto zonke uThixo uzibeke phantsi kolawulo lukaKrestu, waza wammisela wayintloko yezinto zonke ebandleni.

23 Ibandla ke lingumzimba kaKrestu, liphuphuma bubukho bakhe lowo uphuphuma ubukho bukaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6