Kwabase-Efese 5 XHO96

Hlalani ekukhanyeni

1 Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2 Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

3 Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.

4 Izinto ezinjengokuthetha krwada, nokulavuza, neentetho ezingcolileyo, azinto zinifaneleyo konke. Nifanelwe kukuhlala nibulela uThixo nina endaweni yezi zinto.

5 Yiqondeni kakuhle into yokuba akukho mntu urheletyayo, nongcolileyo, nosisinyolunyolu, uya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguKrestu nanguThixo. Kaloku ukunyoluka yenye indlela yokunqula izithixo.

6 Ningavumeli bani anikhohlise ngentetho ephuthileyo. Zizinto ezinjalo kanye eziza nengqumbo kaThixo kwabo bangamthobeliyo.

7 Nina ke ningazibandakanyi nabantu abanjalo.

8 Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.

9 Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.

10 Zamani ukukuqonda ukuthanda kweNkosi;

11 ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo.

12 Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

13 Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo;

14 kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”

15 Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha.

16 Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

17 Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.

18 Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,

19 nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo.

20 Bulelani uThixo uBawo wethu imihla ngemihla ngenxa yeento zonke, ngegama leNkosi yethu uYesu Krestu.

Amakhosikazi nabayeni bawo

21 Thobelanani, niqhutywa kukuba noKrestu nimthobela.

22 Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi.

23 Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.

24 Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu.

25 Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo.

26 Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe,

27 khon' ukuze azithathele lona liyinzwakazi, linyulu, lingenasici, lingenabala nakushwabana nasinye isiphako.

28 Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda.

29 (Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla.

30 Kaloku singamalungu omzimba wakhe.)

31 Kunjengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.”

32 La mazwi atyhila inyaniso enzulu; ke mna ndithi isingisele kuKrestu nebandla.

33 Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6