Kwabase-Efese 2 XHO96

Siphume ekufeni sangena ebomini

1 Benifudula nifile emoyeni ngenxa yeemposiso nokona,

2 ngokuya naniziphethe ngendlela yeli hlabathi. Naniphantsi komtyholi, umphathi wamagunya asesibhakabhakeni noweempembelelo ezilawula abo bangamthobeliyo uThixo.

3 Eneneni besinjalo sonke; besifudula silawulwa ziinkanuko zesimo sethu esidala, silandela nayiphi na iminqweno neengcinga zethu. Njengamntu wonke ke okuloo meko besiphantsi kwengqumbo kaThixo.

4 Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo,

5 usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.

6 Njengoko simanyene noKrestu Yesu nje, uThixo usivuse ekufeni, saza saya kutsho ezulwini kunye noYesu.

7 Wênjenjalo ukuze ngamaxesha onke ahlale esibonisa ubukhulu besisa nobubele bakhe, thina bamanywe noYesu Krestu.

8 Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo.

9 Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.

10 Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

Sibanye kuKrestu

11 Kaloku yikhumbuleni imeko yenu yangaphambili ngelaa xesha naningabahedeni. Kwakusithiwa ningabangalukanga ngabo bolwaluko (lwaluko olo lulisiko nje langaphandle).

12 Kaloku ngelo xesha nanikude kuKrestu. Naningenabudlelane nemilowo yakwaSirayeli. Naningaphandle kweminqophiso nezithembiso zikaThixo. Naningenathemba, ningenaThixo kweli hlabathi.

13 Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.

14 Kuba kaloku nguye umxolelanisi. Iintlanga namaJuda uzenze zasisizwe esinye. Yena buqu waludiliza udonga lobutshaba obelusahlule.

15 Kaloku uwubhangisile umthetho nemiyalelo kwanemimiselo yawo, ukuze ngezi zizwe zibini adale isizwe esitsha esimanywe naye ngokwakhe. Ngaloo ndlela ke udale uxolo.

16 Ewe, ngomnqamlezo wakhe uKrestu ububhangisile ubutshaba, waza ezi zizwe zibini wazixolelanisa zayimbumba yamanyama kuThixo.

17 Ngoko ke weza washumayela iindaba ezimnandi zoxolo, kuni nina babekade bekude, nakwabo bebekufutshane kakade.

18 Kaloku sonke, amaJuda kwaneentlanga, singena ngoKrestu, siye kufikelela kuBawo ngenkqu, sikuMoya omnye.

19 Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo.

20 Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko *sabathunywa *nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.

21 Ungoyena usixhasayo isakhiwo xa sisonke, ukuze sikhule sibe yindlu engcwele yeNkosi.

22 Ngokumanywa naye ke nani niyakhiwa nikunye nabanye, ukuze nibe sisakhiwo ahlala kuso uThixo ngoMoya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6