Kwabase-Efese 6 XHO96

Abantwana nabazali

1 Bantwana, bathobeleni abazali benu nimanywe neNkosi nje, kuba kulunge kanye ukwenjenjalo.

2 “Beka uyihlo nonyoko.” Lo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi:

3 “Uya kuba namathamsanqa, nemihla yakho yolulwe emhlabeni.”

4 Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

Izicaka nabaphathi

5 Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni, ninentlonipho, niqhutywa kukunyaniseka, ngokungathi nikhonza uKrestu ngenkqu.

6 Ningatshakazi nenze izinto ngenjongo yokuzithandekisa ebantwini, koko yenzani ukuthanda kukaThixo ngomxhelo wenu wonke, njengezicaka zikaKrestu.

7 Umsebenzi wenu wenzeni ngemincili, ngokungathi niwenzela iNkosi, aniwenzeli mntu.

8 Ze nikhumbule ukuba umntu ngamnye uya kuvuzwa yiNkosi ngomsebenzi omhle, nokuba loo mntu sisicaka nokuba akasiso.

9 Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.

UmKrestu edabini

10 Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.

11 Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

12 Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.

13 Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.

14 Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba.

15 Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo.

16 Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana.

17 Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.

18 Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.

19 Nam ndithandazeleni, ukuze uThixo andiphe udaba xa ndithethayo, ndibe nesibindi sokuyivakalisa injongo yakhe eyayifihlakele, ndixela iindaba ezimnandi.

20 Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.

Imibuliso yokwahlukana

21 Njengoko kuyimfanelo ukuba nive ngemeko nempilo yam, uTikiko uya kunazisa ngazo zonke ezo ndaba. Yena nguwethu othandekayo, isicaka esithembekileyo emsebenzini weNkosi.

22 Yiyo ke le nto ndimthuma kuni: ndenzele ukuba anazise ngayo yonke imeko yam, anivuselele.

23 Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu angawapha uxolo nothando nokholo onke amawethu.

24 Lwanga ubabalo lukaThixo lungahlala kubo bonke abayithanda ngothando olungatshitshiyo iNkosi uYesu Krestu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6