Kwabase-Efese 4 XHO96

Umzimba: imbumba yamanyama

1 Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza;

2 nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

3 Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

4 Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.

5 INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye.

6 Kanti ukwamnye noThixo onguYise woluntu luphela, olawula izinto zonke, esebenza ngezinto zonke, ekwakho kwiinto zonke.

7 Umntu ngamnye wabelwe isiphiwo esisodwa ngangobubele bukaKrestu.

8 Yiyo ke le nto *iziBhalo zithi:“Unyukele ezulwini eqhuba abathinjwa,waza wabela abantu izipho.”

9 Kuthetha ukuthini ke ukuthi unyukile? Kuthetha ukuthi wehla kuqala waya emathunjini omhlaba.

10 Lowo ke wehlayo usekwangulo kanye wenyukela ngaphaya kwamazulu, khon' ukuze izinto zonke azizalise ngobukho bakhe.

11 Nguye ke lo wababelayo izipho ezizezi abantu: Wabamisela *bangabathunywa abanye, abanye *bangabashumayeli, bangabavakalisi beendaba ezimnandi abanye, abanye bangabelusi nabefundisi.

12 Wabanika ezi zipho zokulungiselela lonke usapho lukaThixo emsebenzini walo, ukuze kwakheke ibandla elingumzimba kaKrestu.

13 Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo.

14 Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba.

15 Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

16 Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.

Ubomi obutsha kuKrestu

17 Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo,

18 abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile.

19 Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni.

20 Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu.

21 Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu.

22 Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni.

23 Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo.

24 Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.

25 Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo,kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu.

26 Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo.

27 Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

28 Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo.

29 Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.

30 Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.

31 Yahlukanani nayo yonke inzondo, iphuku, nomsindo; ukuthukisa, nokunyelisa nalo lonke ulunya.

32 Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6