Kwabase-Efese 3 XHO96

Ukusebenza kukaPawulos phakathi kweentlanga

1 Kungesi sizathu ke, mna Pawulos ongumbanjwa kaYesu Krestu ngenxa yenu zintlanga, ndimthandaza nje uThixo.

2 Kambe ndiyacinga ukuba nivile ukuba uThixo undimisele ndaba ligosa lobabalo lwakhe ngenxa yenu.

3 UThixo wandityhilela icebo lakhe ebelingaziwa mntu, njengoko sendichazile ngokufutshane.

4 Xa nithe nayifunda ke, noba nako ukuyilandela indlela endiluqonda ngayo udaba olungoKrestu.

5 Kwizizukulwana ezingaphambili abantu abazange balwaziswe olu daba. Kodwa ngoku uThixo ulutyhilile ngaye uMoya oyiNgcwele, kubo *abathunywa *nabashumayeli bakhe.

6 Olu daba ke lolokuba iintlanga ziziindlamafa ndawonye namaJuda, zibandakanywe nawo. Bonke bayimbumba yamanyama. Nazo ziyabuxhamla ubuncwane bezithembiso zikaThixo ezenziwa kuYesu Krestu.

7 Zinjalo ke iindaba ezimnandi endingumququzeleli wazo ngenxa yesisa uThixo andenzele sona ngokusebenza kwamandla akhe.

8 Mna ndingoyena mncinane kubantu bakaThixo. Kodwa uThixo undinike ilungelo lokuba ndishumayele iindaba ezimnandi ezintlangeni, ndithethe ngobubele obungaphicothekiyo bukaKrestu,

9 ndiqondise bonke abantu indlela esebenza ngayo imfihlelo yecebo likaThixo. UThixo onguMdali wezinto zonke walifihla eli cebo kuwo onke amaphakade adluleyo,

10 ukuze ngoku, ngalo ibandla, ubulumko bukaThixo obuntlobo-ntlobo buvakaliswe kuzo izilawuli nabasemagunyeni kweliphezulu.

11 Le nto uThixo wayenza ngokwenjongo yakhe engunaphakade awayimisa ngoYesu Krestu iNkosi yethu.

12 Ngokumanywa naye ke singena siyokutsho kuThixo ngenkqu sikhululekile, sinesibindi ngenxa yokukholwa kuye.

13 Ndiyanibongoza ke ukuba ningadakumbi kukuba ndixhwalekile ngenxa yenu; le meko iludumo lwenu.

Uthando lukaKrestu

14 Ngenxa yale nto ke, ndizikhahlela phantsi phambi koBawo,

15 uYise walo lonke usapho olusezulwini nasemhlabeni.

16 Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe,

17 khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

18 Nanga nina nosapho lukaThixo xa lulonke, ningalunakana ukuba lungakanani na ububanzi balo, lungakanani na ubude balo, kukwangakanani na ukuphakama kwalo nokuba nzulu kwalo uthando lukaKrestu,

19 nilwazi nakuba lungenakwaziwa nje. Ewe, niye niphuphuma bubukho bukaThixo obugqibeleleyo.

20 Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi:

21 Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. *Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6