3 Wanga uThixo wethu neNkosi yethu uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.
4 UKrestu wancama ubomi bakhe ngenxa yezono zethu, ukuze asihlangule egunyeni leli hlabathi longendawo, ethobela ukuthanda kukaYise uThixo wethu.
5 Makadunyiswe uThixo ngonaphakade! *Amen.
6 Ndinithele nqa ukuba nithi ngexeshana nje elingephi nibe senindlandlatheka emva kwezinye iindaba ezingathi zimnandi, nimfulathele lowo wanibizayo ngesisa sikaKrestu.
7 Eneneni akukho ndaba zimbi zimnandi zizezinye, koko nditsho nje kuba kukho abantu abaniphazamisayo, bezama ukuzigqwetha iindaba ezimnandi ezingoKrestu.
8 Kodwa ukuba kukho umntu, nokuba ndim, nokuba sisithunywa sezulu, oshumayela iindaba ezinxamnye nezo ndanishumayeza zona: uqalekisiwe lowo.
9 Besenditshilo, nangoku ndiyaphinda, ndithi: Ukuba kukho bani onishumayeza iindaba ezingathi zimnandi eziphikisana nezo senizamkele, loo mntu makaqalekiswe!