22 Kodwa ke *iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
23 Ngokuya lwalungekafiki ukholo sasingamabanjwa omthetho, silindiswe ukutyhileka kokholo.
24 Ngoko ke umthetho wawusigcine lo gama angekafiki uKrestu, ukuze sigwetyelwe ngokukholwa kuThixo.
25 Xa selifikile ke ixesha lokholo, akusekho mfuneko yakuba sigcinwe ngumthetho.
26 Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu.
27 Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.
28 KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.