25 Xa selifikile ke ixesha lokholo, akusekho mfuneko yakuba sigcinwe ngumthetho.
26 Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu.
27 Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.
28 KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.
29 Ukuba ke ningabakaKrestu ningabazukulwana baka-Abraham. Ngoko ke niziindlalifa ngokwesithembiso.