9 Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?
10 Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!
11 Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.
12 Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.
13 Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula.
14 Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.
15 Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.