1 UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
2 Phulaphulani! Mna Pawulos ndithi kuni: Ukuba nithi ulwaluko luyimfuneko, loo nto ithetha ukuba uKrestu akaloncedo kuni mpela.
3 Ndiyaphinda ndilumkisa wonke umntu ovuma ukwaluka ukuba uyanyanzeleka ukuba awuthobele wonke umthetho.
4 Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
5 Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo.
6 Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.