5 Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo.
6 Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
7 Naniqhuba kakuhle kangaka nje! Ngubani ke ngoku oniyekisileyo ukuyithobela inyaniso? Uniqhathe kanjani?
8 Loo nto ayenziwanga nguThixo lo unibizayo.
9 Kaloku bathi: “Igwele elincinci liyinyusa yonke intlama.”
10 Ukumanyana kwethu eNkosini kundenza ndinithembe ukuba aniyi kuhamba naluvo lulolunye. Naye loo mntu uniqunga-qungayo, nokuba ungubani na, uya kohlwaywa nguThixo.
11 Mna ke, mawethu, ngaba ndisatshutshiselwa ntoni ukuba ndisashumayela ukuba ulwaluko luyimfuneko? Ukuba ibiyinyaniso loo nto, ukushumayela kwam umnqamlezo ngekungesiso isikhubekiso.