1 Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.
2 Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.
3 Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo.
4 Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu.
5 Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.
6 Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.
7 Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.