14 Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.
15 Nokuba umntu walukile, nokuba akalukanga, akunamsebenzi. Into ebalulekileyo kukuba yindalo entsha.
16 Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.
17 Ndiphetha ngelithi: Mandingaphindi ndikhathazwe mntu, kuba iziva ezisemzimbeni wam zixela ukuba ndisisicaka sikaKrestu.
18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke, mawethu. *Amen.