5 Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.
6 Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.
7 Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
8 Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
9 Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
10 Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.
11 Niyawabona la magama makhulu? Kubhala mna ngoku, ngesandla sam.