3 Ùyazi wena ukuba uDavide ubawo ubengenako ukulakhela igama likaYehova uThixo wakhe indlu, ngenxa yeentshaba ezibe zimjikelezile, wada uYehova wazibeka ngaphantsi kweentende zeenyawo zakhe.
4 Kaloku ke úndiphumzile uYehova, uThixo wam, ngeenxa zonke; akukho lutshaba, akukho sihlo sibi.
5 Uyabona, ndithi ndiza kulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, njengoko wakuthethayo uYehova kuDavide ubawo, esithi, Unyana wakho, endiya kumbeka esikhundleni sakho etroneni yakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
6 Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare* eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndíkunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.
7 Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.
8 Wathumela uHiram kuSolomon, esithi, Ndikuvile oko undithumele khona; ndokwenza konke ukuthanda kwakho mna ngemisedare nangemisipres.*
9 Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle; ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.