9 Bathi kubathunywa abafikileyo, Yitshoni kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ukuthi, Ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Bemka abathunywa, bawaxelela amadoda aseYabheshe; avuya ke.
10 Athi amadoda aseYabheshe, Ngomso siya kuphuma size kuni; nenze kuthi ngako konke okulungileyo emehlweni enu.
11 Kwathi ngengomso uSawule wabamisa abantu bazizihlwele ezithathu, bafika phakathi kwempi ngomlindo wokusa, bawabulala ama-Amon yada yafudumala imini. Kwathi aseleyo aphangalaliswa; akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.
12 Bathi abantu kuSamuweli, Ngoobani na abo babesithi, USawule uya kuba ngukumkani kuthi na? Waziseni loo madoda, siwabulale.
13 Wathi uSawule, Makungabulawa mntu namhla; ngokuba namhla uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.
14 Wathi uSamuweli ebantwini, Hambani, siye eGiligali, sibusungule khona ubukumkani.
15 Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.