34 Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere,* yathabatha ixhwane emhlambini;
35 ndaphuma, ndayilandela, ndayibetha, ndalihlangula ixhwane emlonyeni wayo. Yesuka phezu kwam, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibetha, ndayibulala.
36 Umkhonzi wakho wayibetha ingonyama kwanebhere; lo mFilisti ungalukileyo uya kuba njengenye kuzo ke, ngokuba ungcikive izintlu zikaThixo ophilileyo.
37 Wathi uDavide, UYehova owandihlangulayo ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere, nguye oya kundihlangula esandleni saló mFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Hamba ke, abe nawe uYehova.
38 USawule wamambathisa uDavide ngezakhe iingubo, wambeka isigcinantloko sobhedu entloko, wamfaka ingubo yentsimbi.
39 UDavide walibhinqa ikrele ngaphezu kweengubo zakhe, wazama ukuhamba ngazo; ngokuba ebengekazilingi. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nezi zinto, ngokuba andizilinganga. UDavide wazihluba.
40 Wathabatha intonga yakhe esandleni sakhe, wanyula amatye amahlanu abuthelezi emlanjaneni, wawafaka empahleni yabalusi abenayo, eyingxowa, ephethe inkwitshi yakhe esandleni sakhe, weza kumFilisti lowo.