34 UYonatan wesuka ke etafileni evutha ngumsindo; akadla kudla ngomhla wesibini wenyanga; ngokuba ubebuhlungu ngoDavide, kuba uyise ubemhlazisile.
35 Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane.
36 Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.
37 Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo.
38 Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.
39 Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.
40 UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya.