4 Oonyana bakaSirayeli babasusa ke ooBhahali* nooAshtaroti, bakhonza uYehova yedwa.
5 Wathi uSamuweli, Wahlanganiseleni eMizpa onke amaSirayeli, ndinithandazele kuYehova.
6 Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa.
7 Eva amaFilisti ukuba oonyana bakaSirayeli bahlanganiselene eMizpa, zenyuka izikhulu zamaFilisti, zawaphumela amaSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, bawoyika amaFilisti.
8 Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukusikhalela kuYehova uThixo wethu, asisindise esandleni samaFilisti.
9 USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphela kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.
10 Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.