17 Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.
18 Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;
19 wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.
20 Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.
21 URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).
22 URehabheham wamisa uAbhiya unyana kaMahaka, ukuba abe yinkulu, abe yingànga phakathi kwabazalwana bakhe; ngokuba ubecinga ukumenza ukumkani.
23 Wenza ngenqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.