4 Wabingelela, waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
5 Kwaza kwenyuka uRetsin, ukumkani wakwa-Aram*, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, beza kulwa eYerusalem; bamngqinga uAhazi, àbaba nako ukumeyisa.
6 Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.
7 Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.
8 UAhazi wayithabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayithumela kukumkani waseAsiriya isisicengo.
9 Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabása eKiri, wambulala uRetsin.
10 Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli.