3 Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.
4 Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcinimnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali,* noAshera,* nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walúsa eBheteli.
5 Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.
6 Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.
7 Wazidiliza izindlu zamang'awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.
8 Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi izigánga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza izigánga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.
9 Kodwa ke ababingeleli abo bezigánga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.