3 Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.
4 Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
5 UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wòthi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
6 Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
7 Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla.
8 Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo.
9 Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye.