30 Wathi kubakhonzi bakhe, Khangelani intsimi kaYowabhi, ingakweyam; unerhasi khona; yiyani, niyitshise ngomlilo. Bayitshisa ke abakhonzi baka-Abhisalom intsimi ngomlilo.
31 Wesuka uYowabhi, waya kuAbhisalom, wathi kuye, Yini na ukuba abakhonzi bakho bayitshise ngomlilo intsimi yam?
32 Wathi uAbhisalom kuYowabhi, Yabona, ndithuméle kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumèle kukumkani, uye kuthi, Ndibuyisélweni na eGeshuri? Bekundilungele kanye ukuba ndibe ndisekhona. Kaloku mandibubone ubuso bokumkani; ukuba ndinetyala, makaselendibulala.
33 Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela. Wambiza uAbhisalom; waya kukumkani, waqubuda kuye ngobuso emhlabeni phambi kokumkani; ukumkani wamanga ke uAbhisalom.