15 Bathi abakhonzi bokumkani kukumkani, Entweni yonke, eya kuyinyula inkosi yethu ukumkani, naba bekho abakhonzi bakho.
16 Waphuma ukumkani, indlu yakhe yonke imlandela. Ukumkani washiya ishumi lamashweshwe, ukuze ayigcine indlu.
17 Waphuma ke ukumkani, bemlandela abantu bonke; bema eBhete-meraki;
18 bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani.
19 Wathi ukumkani kuItayi waseGati, Yini na ukuba nawe uhambe nathi? Buya, uhlale nokumkani; ngokuba ùngowasemzini, ungumfiki, buyela endaweni yakho;
20 ungáthi, ufiké izolo eli, ndikubhadulisè nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe.
21 UItayi wamphendula ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, ihleli nje inkosi yam ukumkani, inene, endaweni eya kuba kuyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni, nokuba kusebomini, úya kuba lapho umkhonzi wakho.