27 Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wásikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
28 Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
29 Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.
30 NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;
31 nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.
32 Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu,
33 ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.