Iduteronomi 18 XHO75

Amalungelo ababingeleli nabaLevi

1 Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.

2 Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.

3 Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.

4 Wòmnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.

5 Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke, ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, yonke imihla.

6 Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,

7 walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:

8 wòdla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.

Iziyalo ngamasikizi eentlanga

9 Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.

10 Maze kungàfunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,

11 nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.

12 Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

13 Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

14 Kuba ezi ntlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.

Isimilo nomsebenzi womprofeti

15 UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam; ize niphulaphule yena;

16 njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.

17 Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;

18 ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.

19 Kothi ke, kulowo uthe akaliphulaphula ilizwi lam, aya kulithetha egameni lam, mna ndiyibuze loo nto kuloo mntu.

20 Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.

21 Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angàlithethanga uYehova?

22 ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angàlithethanga uYehova. Úthethé ngokukhukhumala umprofeti lowo; ùze unganxunguphaliswa nguye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34