Iduteronomi 28 XHO75

Iintsikelelo zolulamo

1 Kothi, ukuba ùthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, uYehova uThixo wakho akuphakamise ngaphezu kweentlanga zonke zehlabathi;

2 zibe phezu kwakho ezi ntsikelelo zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho:

3 Wòsikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphandleni;

4 sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho ziné, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane isikelelwe ingobozi yakho,

5 nomkhombe wakho wokuxovulela intlama.

6 Wòsikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho.

7 UYehova wozinikela zixatyelwe phambi kwakho iintshaba zakho ezivukelana nawe; ziphume zisiza kuwe ngandlelanye, zikubaleke ngeendlela ezisixhenxe.

8 UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, akusikelele ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho.

9 UYehova wonimisa nibe ngabantu abangcwele kuye, njengoko wakufungelayo, xa uthe wayigcina imithetho kaYehova uThixo wakho, wahamba ngeendlela zakhe;

10 zibòne zonke izizwe zehlabathi, ukuba igama likaYehova libizwe phezu kwakho, zikoyike.

11 UYehova wokwandisela okulungileyo esiqhameni sesizalo sakho, nasesiqhameni sempahla yakho ezitho ziné, nasesiqhameni somhlaba wakho, emhlabeni lowo awafungáyo uYehova kooyihlo ukuba wokunika.

12 UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, izulu lilinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo, awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho, uboleke iintlanga ezininzi, ungaboleki kuzo wena.

13 UYehova wokwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; ibe nguwe wedwa onyukayo, ungabi ngohlayo: xa uthe wayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wakho, endikuwiselayo namhla ukuba uyigcine, uyenze;

14 àkwatyeka emazwini onke endiniwisela umthetho ngawo namhla, uye ekunene nasekhohlo, ukulandela thixo bambi, ubakhonze.

Isiqalekiso sokungeva

15 Ke kothi, ukuba uthe akwaliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:

16 Wòqalekiswa phakathi komzi, uqalekiswe emaphandleni;

17 iqalekiswe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama;

18 siqalekiswe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane.

19 Wòqalekiswa ekungeneni kwakho, uqalekiswe ekuphumeni kwakho.

20 UYehova wokuthumela isiqalekiso, nokudungwadungwa, nokukhalinyelwa ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo, ude utshabalale, ude ubhubhe kuphele, ngenxa yobubi beentlondi zakho zokuba ùndishiyile.

21 UYehova woyinamathelisa kuwe indyikitya yokufa, ade akuphelise, ungabikho phezu komhlaba lowo uya kuwo ukuba uwumé.

22 UYehova wokubetha ngesifo sephepha, nangecesina, nangokurhala, nangokuvutha komzimba, nangekrele, nangembabala, nangexoshomba, zikusukele ezo nto ude ubhubhe.

23 Izulu lakho eliphezu kwentloko yakho loba lubhedu, umhlaba ophantsi kwakho ube sisinyithi.

24 UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.

25 UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;

26 isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe, kungabikho bani uphekuzayo.

27 UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.

28 UYehova wokubetha ngokubhuda nangobumfama, nangokuphambana ingqondo,

29 uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.

30 Wòziganela umfazi, alalwe ndoda yimbi; woyakha indlu ungayihlali; wotyala isidiliya ungasidli.

31 Yoxhelwa inkomo yakho ùkhangele, ùngayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.

32 Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.

33 Isiqhamo somhlaba wakho, nokuxelenga kwakho konke, kodliwa ngabantu ongàbaziyo, ucudiswe, uvikivwe kuphela yonke imihla;

34 ubhudiswe kukubona akubonayo amehlo akho.

35 UYehova wokubetha emadolweni nasemilenzeni ngamathumba amabi, ungabi nakuphiliswa kuwo, athabathele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini.

36 UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;

37 ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.

38 Wòphuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.

39 Wòtyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.

40 Wòba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.

41 Wòzala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.

42 Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.

43 Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.

44 Wókuboleka yena, ungamboleki wena; wóba yintloko yena, ube ngumsila wena.

45 Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;

46 zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;

47 ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.

48 Wòkhonza iintshaba zakho, ezo aya kuzithumela kuwe uYehova, ulambile, unxaniwe, uhamba zé, uswele zonke izinto, abeke idyokhwe yesinyithi entanyeni yakho, ade akutshabalalise.

49 UYehova wokuzisela uhlanga oluvela kude, esiphelweni sehlabathi, olutshwebeleza njengokhozi; uhlanga olulwimi ungayi kuluva;

50 uhlanga olubuso bungwanyalala, olungakhethi buso bandoda inkulu, olungabi nakubabala namfama.

51 Lodla isiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, ude utshabalale; lungakushiyeli ngqolowa, nawayini intsha, naoli, nankonyana yankomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane, lude lukuchithe.

52 Lokungqinga emasangweni akho onke, zide ziwe iindonga zakho eziphakamileyo, ezinqabileyo, okholose ngazo, ezweni lakho lonke; lukungqinge ke emasangweni akho onke, ezweni lakho lonke, akunikileyo uYehova uThixo wakho;

53 udle isiqhamo sesizalo sakho, inyama yoonyana bakho neentombi zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho, ekungqingweni, nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho.

54 Indoda esisifebe, ebixhamla ubuncwane kunene phakathi kwakho, yomkhangela ngeliso elibi umzalwana wayo, nomfazi wesifuba sayo, namasalela abantwana bayo abasaseleyo;

55 ngokokuze inganiki namnye kubo into yenyama yabantwana bayo eyidlayo, ngenxa yokuba ingashiyelwanga nto ekungqingweni nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho onke.

56 Intokazi eling'awukazi, exhamle ubuncwane phakathi kwakho, ebingalingi ukubeka intende yonyawo lwayo emhlabeni, ngenxa yokuxhamla ubuncwane, nangenxa yokuba iling'awukazi, yoyikhangela ngeliso elibi indoda yesifuba sayo,

57 nonyana wayo, nentombi yayo, ngenxa yomkhaya wayo ophuma phakathi kweenyawo zayo, nangenxa yabantwana bayo ethe yabazala; kuba yobadla ngasese ekuswelekeni kweento zonke, ekungqingweni nasekuxinweni olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho.

58 Ukuba ùthe akwagcina ukuwenza onke amazwi alo myaleleo, abhaliweyo kule ncwadi, ukuba uloyike eli gama lizukileyo, loyikekayo, UYEHOVA UTHIXO WAKHO:

59 uYehova wozenza zibaluleke izibetho zakho, nezibetho zembewu yakho, zibe zizibetho ezikhulu ezihlala zihleli, nezifo ezibi ezihlala zihleli;

60 akubuyisele ke bonke ubulwelwe baseYiputa owanxunguphala bubo, buthi nama kuwe.

61 Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingàbhaliweyo encwadini yalo myalelo, wózinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;

62 nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.

63 Kothi, njengokuba uYehova ebenemihlali ngani, ukuba anenzele okulungileyo, anandise: enjenjalo uYehova ukuba nemihlali ngani, ukuba anidakise, anitshabalalise; ninyothulwe emhlabeni lowo ungena kuwo, usiya kuwúma;

64 aniphangalalise uYehova phakathi kwezizwe zonke, ethabathela esiphelweni sehlabathi, ase esiphelweni sehlabathi; ukhonze thixo bambi khona, ongabazanga wena nooyihlo, imithi namatye.

65 Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo, nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.

66 Ubomi bakho bojinga ngomsonto phambi kwakho, unkwantye ubusuku nemini, ungàkholwa bubomi bakho; kusasa wòthi,

67 Akwaba bekungokuhlwa! ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.

68 UYehova wokubuyisela eYiputa ngeenqanawa, ngendlela endathi kuwe, Uze ungabi saphinda uyibone; kuthengiswe ngani khona ezintshabeni zenu, ukuba nibe ngamakhoboka namakhobokazana, kungabikho bani unithengayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34