Iduteronomi 4 XHO75

UMoses uyala amaSirayeli ukuba alulame

1 Kaloku ke, Sirayeli, yiphulaphule imimiselo namasiko endinifundisa wona, ukuba niwenze; ukuze niphile, ningene, nilimé ilizwe aninikayo uYehova uThixo wooyihlo.

2 Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.

3 Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahalipehore;* ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.

4 Ke nina nanamatheláyo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.

5 Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilimé.

6 Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lùkhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.

7 Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kúlo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?

8 Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengaló myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?

9 Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho.

10 Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho; ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.

11 Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.

12 Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandi samazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.

13 Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.

14 Wandiwisela umthetho uYehova ngelo xesha, ukuba ndinifundise imimiselo namasiko, ukuba niwenze elizweni eniwelela kulo ukuba nilimé.

15 Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;

16 hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi:

17 into emilise okwendoda nokwenkazana, into emilise okwento yonke ezitho ziné esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,

18 into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;

19 hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.

20 Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.

21 Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;

22 kuba ndiya kufela kweli lizwe, andiyiweli iYordan. Ke nina niya kuwela, nilimé elo lizwe lihle.

23 Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.

24 Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.

25 Xa uthe wazala abantwana, nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:

26 ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nòdaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilimé; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.

27 Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuniqhubela khona;

28 nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;

29 eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

30 Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.

31 Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

32 Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?

33 Bakha baliva na abantu izwi loThixo ethetha phakathi komlilo, njengoko walivayo wena, baphila noko?

34 Okanye kukho thixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?

35 Waboniswa wena, ukuze wazi ukuba uYehova nguye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa.

36 Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.

37 Wabathandáyo nje ooyihlo, wayinyula nembewu yabo emva kwabo, wakukhupha eYiputa ngobukho bakhe, ngamandla akhe amakhulu;

38 ukuba agqogqe iintlanga ezinkulu ezomeleleyo kunawe, zingabikho ebusweni bakho; ukuba akungenise, akunike ilizwe lazo libe lilifa, njengoko kunjalo namhla.

39 Yazi ke namhla, ukunyàmekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi;

40 akukho wumbi; uyigcìne imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulúnge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.

Imizi yokusabela

41 Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali obulele ummelwane wakhe ngengozi,

42 ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:

43 iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.

UMoses uyayiphinda imithetho elishumi

44 Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.

45 Zizo ezi izingqino nemimiselo namasiko awawathethayo uMoses koonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo eYiputa,

46-47 ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulaláyo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa; balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;

48 bathabathela eArohere, engaseludinini lomlanjana oyiArnon, bada besa entabeni yeSiyon eyiHermon,

49 neArabha yonke ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, bada besa elwandle lwaseArabha, ngaphantsi kwamaxandeka asePisga.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34