Iduteronomi 20 XHO75

Imithetho yemfazwe

1 Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba únawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.

2 Kothi ke, xenikweni nithe nasondela ekulweni, afike umbingeleli, athethe ebantwini, athi kubo, Yiva, Sirayeli!

3 Nisòndele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo;

4 ngokuba uYehova uThixo wenu uhamba nani, ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.

5 Ababhali bothetha ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owakhé indlu entsha, akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, isungulwe mntu wumbi.

6 Ngubani na umntu otyele isidiliya, akadla kuso? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, sidliwe mntu wumbi.

7 Ngubani na umntu ogane umfazi, akamzeka? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, azekwe mntu wumbi.

8 Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe, njengentliziyo yakhe.

9 Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.

10 Xa uthe wasondela emzini, usiya kulwa nawo, womemeza uxolo kuwo;

11 kuthi, ukuba úthe wakuphendula ngoxolo wakuvulela, bonke abantu abafunyenwe kuwo babe ngabafakwa uviko, bakukhonze.

12 Ke ukuba úthe awaxola nawe, wesuka wenza imfazwe nawe, wòwungqinga wena.

13 Ukuba úthe uYehova uThixo wakho wawunikela esandleni sakho, woyibulala yonke into eyindoda kuwo ngohlangothi lwekrele;

14 kodwa abafazi, nabantwana, neenkomo, neento zonke ezithe zabakho kuloo mzi, amaxhoba awo onke, wòwathimbela kuwe, uwadle amaxhoba eentshaba zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho.

15 Ùya kwenjenjalo kuyo yonke imizi ekude kakhulu kuwe, engeyiyo yona imizi yezi ntlanga.

16 Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo.

17 Wòwasingela phantsi kanye amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, njengoko wakuwiselayo umthetho uYehova uThixo wakho;

18 ukuze banganifundisi ukwenza amasikizi abo onke abawenze koothixo babo; none kuYehova uThixo wenu.

19 Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba ùya kudla kuyo. Uze ungayigawuli; kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe?

20 Ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo wodwa owowonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga umzi olwa nawo, ude uwe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34